Xa kunamamhlanje kusika inimba xa sibona singcwaba iyantlukwano ngempumelelo yeziTsiba-bhokhwe emva kokutywatyusha kanobom iinkunzi ebezigquba, zikhonya zodwa kwisibaya sombhoxo. Sinembali ebuhlungu kwaye encwinisayo kodwa kumele ukuba sidlule ekugcumeni sisele umhlonyane sithi camagu, noko kudeda ubumnyama kuvela ukukhanya ngoku eMzantsi Afrika.