Ezemidlalo ziye zasetyenziswa zalikheswa lokucinezela ngakumbi isizwe esintsundu, kucalucalulwa ilungelo lethu lokudlala ngokobuzwe. Ukunyamezelana ngundoqo xa kusakhiwa isizwe. Ewe, kuyatshizwana ngodaka xa kusakhiwa indlu kodwa yakugqitywa ukwakhiwa indlu kungenwe ngaphakathi, akuphinde kutshizwane ngodaka kuye kuchetywane iinduma.