Masibulele nakuQamata ngokunithwala anise elizweni elikude eJapan niphinde nibuye ningenawo nomkrwelo. Lowo ngumzekelo wabantu abadlalayo nabaziphatha kakuhle. Namhla kunamhla, nizintandane ze-Afrika. Nibhala imbali entsha, niqala uqalo olutsha. Zaqandusela iinyosi kubomi obutsha. Ngubani na obesazi ukuba abantwana bomthonyama, isizukulwana sikaLuthuli, sikaTambo, sikaMandela uNkosi uDalibhunga ukuba namhlanje siza kumanya isizwe? Ewe kwakungeyiyo impazamo apho uNkosi uDalibhunga wathi kuni maligcinwe eli gama lithi Springboks, iziTsiba-bhokhwe ukuze sisebenzise lona ukwakha isizwe sisimanya ukuya phambili.