Ngibonge Sekela Sihlalo, okwami kuncane la, ukubuza ukuthi njengoba sazi ukuthi ilizwe lisingathe izinga eliphakame lodlame nohlukunyezwa kwabesifazane njengoMnyango wakho kanye ne-SABC yikuphi enikwenzayo ukuqinisekisa ukuthi lezi
zindawo abasebenzi abasebenzela kuzona ziphephile? Okunye futhi Ngqongqoshe uma ngabe sekukhona umuntu osebikile ukuthi uhlukunyeziwe, yikuphi enikwenzayo njengoMnyango ukumesekela ikakhulukazi ngokwelulekwa njengomuntu wesifazane okudingayo lokho? Ngiyabonga.
IsiXhosa:
UMPHATHISWA WEZONXIBELELWANO: Sekela Sihlalo weNdlu, okwethu kukuqinisekisa ukuba abantu bafundisiwe ngobungozi bokuzibandakanya kwizenzo ezinje ngezo. Ngoku ke wena ubuza ukuba senza kanjani xa umntu ethe weza ngaphambili esithi ulixhoba. Singabanye babantu abathe baselubala ngesehlo esibi sika-Uyinene - wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo - esenzeka eposini. Loo nto isifundisile ukuba amaxesha amaninzi sibanayo imigaqo-nkqubo kodwa singayilandeleli.
Emva kweso sehlo siye sacela ukuba kubekho uphando kwaye saqinisekisa ukuba umntu wonke uyaphandwa nzulu. Kaloku asisuki senzeke isehlo sokuba sibone umntu ongumama exhatshazwa. Sukube zikhona iimpawu nokuba zizinto ezazenzeke ngaphambili okanye ezimane zisenzeka apha phakathi emsebenzini. Ngoko ke sithe makwenziwe olu phando lunzulu ukuze sikwazi ukwenza amaziko afana nooThuthuzela ukuncedisa abantu abongoomama kwezi ndawo. Kaloku
ezi ndawo zikhuthaza oomama ukuba bakwazi ukuthetha kuba bathi basenoloyiko lokuthetha gabalala. Ngamanye amaxesha abantu abongoomama baye bangakholelwa ngamapolisa angootata ezikhululweni.
Ukuhlangabezana nobuxhaka-xhaka bale mihla, siye sadibana noVodacom othenge inkampani egama linguSilicone Cape apha eStellenbosch. Le nkampani isiphathele isixhobo esinobuchule bokuncedisa omama ukuba bacofe iqhosha elithile eliza kuchaza ukuba undawoni khona ukuze amapolisa akwazi ukusabela. Ngomhla we- 16 kweyeNkanga siza kube siphehlelela esi sixhobo. Enkosi, Sekela Sihlalo. [Kwaqhwatywa.]