Sihlalo weNdlu, ndivumele ndikhahlele namhlanje ndithi, Malibongwe! Igama lamakhosikazi! Ndiza kuthi ndigxininise kakhulu kwindima ethe yadlalwa ngamakhosikazi kuphuhliso lwamaphandle, uqoqosho nezolimo, xa sikhumbula umhla wama-21 kweyoKwindla wamalungelo oluntu. Ndithi mandikhahlele, ndibulise ngaloo ndlela namhlanje xa ndiza kugqabaza ndenze amabala engwe ngomgama osele uhanjwe ngurhulumente kaKhongolose ukususela
ngomnyaka we-1994. Phila ngonaphakade mama uCharlotte Maxeke, phila ngonaphakade!
Ndikhumbula oomama abangamaqhawe abathe basilwela ukuqinisekisa ukuba isidima sethu singomama sibuyela kuthi. Mandityondyothe ndithi kurhulumente olawula ngentando yesininzi ngenene nangenyaniso ulithemba elithembekileyo nelithumekayo. Kaloku namhlanje amakhosikazi onke eli lizwe ayangqina ukuba urhulumente kaKhongolose uyifezekisile iminqweno yethu. Namhlanje isidima samakhosikazi asinyevulelwa sinyathelelwa phantsi. Loo nto uza kuyibona phaya kuXwebhu lwamaLungelo kwikhasi le-2 elikuMgaqo-siseko. Isidima somzi ontsundu ngumhlaba, uphuhliso lwamaphandle nezolimo.
Xa urhulumente wethu ebejongene ngqo nophuhliso lwamaphandle nezolimo, uye wathatha amakhosikazi wawabeka phambili. Kakade intetho yesiNtu ithi okuphathwe zizandla zoomama kuyanda kuchume. Lo mba womhlaba undicingisa ingoma eyayivunywa kudala isithi:
Bavuma bonke bengakholwa ukuba babulala imfuyo; imfuyo lena bayixabisile; zonke zokutshiswa iinkomo zamadoda; bahlale bebambe ongezantsi; kanti yimini kaNongqawuse intombi kaMhlakaza;
yona yazalwa ngowe-1841.
Ngethuba kusenzeka loo qulukubhode le ntombi yayineminyaka e-15. Ayisothusi ke thina namhlanje singuKhongolose ukubona abantwana bephithizela phakathi kwethu. Kaloku bazeka mzekweni mnye kwinto eyenziwa ngabantu abambala umweka xa babesiza kuthatha eli lizwe. Beza ngokuthi basebenzise abantwana kuba bengazinto bona. Yiyo ke loo nto nanamhlanje xa ubabona bephithizela benganambeko ingathi kukhonto abaza kuza nayo. Ingaba balibele kusini na ukuba ngurhulumente we-ANC okwazileyo ukutshintsha iimpilo zabantu ingakumbi abantu abangoomama?
Yiyo ke loo nto uza kubona kwi-Ofisi yobuMongameli ingqongwe ngabantu abangoomama. Mna ndithetha ngomama uNkosazana Dlamini-Zuma, Lindiwe Zulu namagqiyazana phaya kwi-Arhente yoPhuhliso yeSizwe, NDA. Aba ngoomama abaqinisekisa ukuba oomama ezilalini bayaqeqeshwa ukuze ekugqibeleni bafumane izakhono khona ukuze baphucule umhlaba wookhokho bethu kuquka nakwezolimo.
Ndikhumbula ngelo xesha ndandifunda iBhayibhile kwiiNdumiso zikaDavide xa isithi:
Lilelani isizwe esintsundu sambethe ingubo yelishwa, sihlafuna isonka selishwa, sisela amanzi engqalekiso.
Ufike urhulumente kaKhongolose wathi umhlaba mawubuyele ebantwini beli lizwe kwaye ndiyavumelana naye. Namhlanje okwaNkwinti, ngethuba ebenguMphathiswa weli sebe uye waqinisekisa ukuba xa kubuyiswa lo mhlaba, abantu bokuqala ukuba bawuxhamle ibe ngabantu abangoomama. [Kwaqhwatywa.] Lo mcimbi ufuna ukuba somelele, udinga oomama abanomqolo kwaye ufuna ukuba simanyane njengabantwana beli lizwe ukuze kubuye isidima seli lizwe lethu. Umhlaba lo asiyiyo into yokudlala. Isidima somzi ontsundu, ndiyaphinda nditsho, ngumhlaba, uphuhliso lwamaphandle nezolimo.
Ngeli xesha lenkululeko simbonile umama uXingwana eququzela kula maphondo esithi amakhosikazi mawangene kwezolimo. Siyibonile inkqubo karhulumente ekuthiwa ngu-Siyazondla kuMasipala wesiThili uMbhashe nakuMasipala wesiThili i-O R Tambo xa urhulumente ebenikezela ngamatanki, iikiriva, amabhakethi okunkceceshela nemihlakulo eqinisekisa ukuba oomama bayalima kwaye bayaxhamla abantwana kuyo yonke le nkquleqhu.
Sinayo enye inkqubo karhulumente ebizwa nge-Female Farmer of the Year. Ukuba ungaya phaya eLimpopo, eThohoyandou uya kufika oomama
bephithizela beqinisekisa ukuba bayalima ukuze abantwana nootata baxhamle. Oomama badale amathuba engqesho, bakhulisa uphuhliso lweli lizwe, bondla isizwe soMzantsi Afrika namazwe obumelwane. Xa kunamhlanje urhulumente ubeke bucala inkuntyula yezigidi zemali ngenjongo yokuphuhlisa la maphandle. Bonke oomama beli lizwe balisabele ikhwelo likaMongameli Ramaphosa xa ebesithi, "Thuma Mina". Nathi singoomama sithi thuma thina mongameli siye kubuyisa isidima samakhosikazi eli lizwe ngokuphuhlisa amaphandle, ukulima nokukhulisa uqoqosho.
Masiphakameni boomama boMzantsi Afrika siye kudlala eyethu indima yokuphuhlisa amaphandle, ukulima nokukhulisa uqoqosho lweli lizwe. Hambani ke maqhawekazi eli lizwe niye kugqibezela loo msebenzi owaqalwa ngoomama uCharlotte Maxeke. Kubalulekile ukuba xa siwenza lo msebenzi singadumisi ngobuyatha, singabanganisani ngale nkululeko esayifumana ngokuphalala kwegazi lama-Afrika. Ithi intetho yesiNtu, ihashe liyayiqhela isali elumayo eliqatyelwa ngayo. Thina masiwuthwale lo mzabalazo usilingene.
Nangona ezi zinto sizibona zisenzeka kwezi ndawo, kusekhona kodwa ukuqhwalela pha naphaya. Kaloku uya phawula ukuba xa kubalele, aba mama ndithetha ngabo abakwazi ukuqhubeleka ngomsebenzi wabo. Loo nto iye ifune ukuba la maphulo ethu siwaqhubayo siwalandelele ukuze
sibone indima esiyihambileyo. Ndisuka kumhlaba wase-O R Tambo apho uMongameli Ramaphosa akhe idama eliza kuthi lincede oomama ukuqinisekisa ukuba ukulima kuyimpumelelo kweli lizwe. Enkosi. [Kwaphela ixesha.] [Kwaqhwatywa.]