Safika phaya sabona umahluko omkhulu kwatsho kwasa kuthi ukuba ayikho le nto ibithethwa leli qela liphikisayo. Kaloku le genge, ngabantu abasoloko besenzela ixhala lokuba isibhakabhaka siza kusiwela imihla nezolo. Thina sibone ukuba abantu baseMzantsi Afrika bayaxhatshazwa ngoongxowa ngokuba banikwe amatyala abangakwaziyo ukuwahlawula. Lo mkhuba sowude wanwenwela nakwaba barhola ipeyi.