Thina singumbutho wesizwe sisithathile isigqibo kwaye abantu aba-2,8 yezigidi athethe ngabo ohloniphekileyo uFiltane siye saqinisekisa ukuba uMthetho okuthiwa yi- Extension of Security of Tenure Act uyapasiswa. Singumbutho wesizwe siwukhulule umhlaba osezandleni zikarhulumente kwaye sikwinkqubo yokuwuqoshelisa. Siyaqhuba ngeKomiti yabaPhathiswa (InterMinisterial Committee) nezinye izixhobo zorhulumento ezininzi. I-ANC iyayixhasa le ngxelo yokuba uMgaqo- siseko mawutshintshwe kwiPalamente yesiThandathu. Sibamba ngazibini. Amandla!