Sekela Somlomo, siyalibulela eli thuba silifumanayo siyiKomiti yeMicimbi yeSebe lezobuGcisa neNkcubeko lokuba sithi thaca le ngxelo phambi kwale Ndlu yoWiso-mthetho yeSizwe. Ngokusemthethweni, uMphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko uye wacelwa ukuba kubekho ikomiti eza kuhlalela ukukhetha abantu abalungele ukusebenza kule bhodi. Uyenzile loo nto, wayimilisela ikomiti yethutyana ethe yafumana abagqatswa abangama-69. Kwabo bagqatswa siye sathi xa siphonononga ubuchwephesha abanabo saphuma nama-25 abo saze senza udliwano-ndlebe nabo.
Bonke abagqatswa ababekudliwano-ndlebe bebekumgangatho ophezulu, ingabantu abawuthandayo umsebenzi wabo kwaye abawaziyo kunjalo nje. Sikwafumanise ukuba ngabantu abazinikeleyo. Eyona nto siyicelayo kule Ndlu yoWiso- mthetho yeSizwe yeyokuba, la magama siwaphononongileyo, sawajonga saze sathetha nabo, avunywe.
La magama alandela ngolu hlobo: Bilankulu Khensani; Chilwane Prudence; Dabideen Preetha; Dichabe Seipati; Dlavane Fio; Gqabu Cinga; Maahlamela Tebogo; Maartens