Sekela Somlomo, ingxoxo-mpikiswano yale njika-langa ikukunika ithuba lokuthethisana malunga nentabalala yezimvo. Sifuna ukubeka ngokucacileyo apho sime khona singuKhongolose ngomgaqo-nkqubo nasekunikeni ubunkokeli kuba kaloku sithi abaphetheyo. Sikwafuna nokucacisa ngendlela yokomeleza uluntu lwethu phantsi kwenkqubo yolawulo ngentando yesininzi sisenzela ukuba amafa namagugu ethu aphatheke ngendlela efanelekileyo.
Sekela Somlomo, abakhumshileyo bathi, "what is in a name?" bebonisa ukuba akukhonto isegameni. Sifuna ukutsho thina singuKhongolose ukuba ininzi into esegameni. [Kwaqhwatywa.] Kulapho amaphupha akhoyo; kulapho iminqweno ikhoyo kwaye kulapho izinto esizifunayo sizibeka khona. Sizibeka egameni. Linjalo ke igama likaNomzamo. Abazali bakhe bathi nguNomzamo. Xa kwaXhosa kusithiwa - No - kuthethwa ukuba ungunina wento.
English:
You are a mother of something. [Applause.]