IKomishoni yeeNyani noXolelwaniso yenza isiphakamiso sokuba ukuthiywa kweendawo kube ngumfuziselo wolungiso, ukuhlangabezana nobugwenxa bangaphambili. Ngoko ke ukuthiywa kwesikhulolo seenqwelo-moya i- Johannesburg International Airport, le nto ibikhe yavezwa apha ngaphambili, kwaasekelwa kwiingcebiso neziphakamiso zeBhunga lamaGama eeNdawo zoMzantsi Afrika.