I-DA yahamba, yasilandela phi phi phi abantu bangaphesheya abaza kuphikisana nalo Mthetho oYilwayo kodwa saye sabahlula kuba sasime enyanisweni. Thina besibethwa lusizi lwabantu abantsundu abasokolayo kuba abanye babexuthelwa izindlu zabo bethathelwa iimoto zabo kodwa ngethuba bebebolekwa bebesaziwa ukuba badendwa emisebenzini yabo. Aba ngxowa ngabantu abangakhathaliyo kuba ingxowa zabo ziyagcwala ngenxa yemali yaba bantu.