Sibuyile phaya, sawugqibezela lo Mthetho oYilwayo, uphaya kwiBhunga leSizwe lamaPhondo kwaye uhamba amaphondo njengokuba ndithetha nani. Sinethemba elikhulu lokuba abantu baseMzantsi Afrika baza kusingqinela kwinto yokuba bathe ntywee ematyaleni. Sifuna ukubahlangula babe ngabantu noko abasondeleyo kwaba bantu kudala bengoosiswana-sibomvana.