ukususela kunyaka we-1994, lo rhulumente we-ANC wakhe amathuba ezindlu ezingaphaya kwezigidi ezi-4,7. [Kwaqhwatywa.] Ndiyalibulela ilungu elihloniphekileyo ngokuzisa izindlu zaseLigwa apho izindlu zakhona zineentanda. Ndiyaqiniseka ukuba ohloniphekileyo uyayazi ukuba kukho ingxaki enkulu eLigwa yohlobo lomhlaba. Nokuba oonokhontrakhi banezakhono ezingakanani na, ukuba kuye kwabakho impazamo enye, nokuba incinci kangakanani na, kuvele kubekho iintanda eziya athetha ngazo sezikhona.