Hon Deputy Speaker...
IsiXhosa:
... thatha UDM thatha! Masinixelele kwangoku ukuba siza kuphatha. Nifane nenza ingxolo siza kuba ngoosekela benu. Ndibavile abantu bethethelela oosomashishini, beteketa ngalo mba woMthetho osaYilwayo woWona Mvuzo Mncinane kaZwelonke (Minimum Wage Bill). Aba somashishini baseMzantsi Afrika ngoongxowa abangabakhathalelanga abantu abahluphekileyo. Abantu abahluphekileyo bangalala bengatyanga bengenayo nepeni emdaka oosomashishini bona bajonge ingeniso kuphela kumashishini wabo.
Ukuba aba somashishini bebengamathandazwe, ngabula bona, ngebengakhange benza ugwayimbo lotyalo-mali ngemali eninzi abayifumana njengelifa kurhulumente wengcinezelo. Abakwazanga ukutyala imali kwilizwe labo njengamathandazwe ukukhulisa uqoqosho.
English:
They do not care whether you create conditions that are conducive for the nonsense that they keep talking about but they continue their so-called investment strike. In