Somlomo, emva kokuba ndiqhaqhe la mvulophu inalo mfanekiso kaTata uShenge noSobukwe, ndigqibe ekubeni ndiye e-Exclusive Books ndithenge incwadi entsha ethi, Robert Mangaliso Sobukhwe: New Reflections ebhalwe ngabantu abaninzi abaquka noMphathiswa uNkosazana Dlamini Zuma, yaza yahlelwa ngu Benjamin Pogrund. Ndiyithengele uTata uShenge njengomntu owazi uSobukwe ukuze ndive ukuba uyangqinelana kusini na nalo mHebhere uPogrant xa esithi uSobukwe...