Enkosi Somlomo, umpoposho ungonikezelo ngezindlu. Urhulumente osezintanjeni okhokelwa ngumbutho wesizwe i-ANC ubambisene nemibutho yasekuhlaleni usebenzela ngalo lonke ilixa ukuba abantu bakuthi babenophahla phezu kweentloko zabo. Esi sesinye zezindululo mhla abantu beli bequlunqa umqulu wenkululeko ngonyaka we-1955.Ukukhawulelana nesi sindululo urhulumente wephondo leMpuma Koloni okhokelwa ngumbutho wesizwe iANC uye wanikezela ngezindlu ezingamakhulu amahlanu -500 kubahlali bengingqi ekuthiwa yiAddo. Abona bantu abaya kuthi baxhamle kolu nikezelo ngezindlu ngabantu abasebenza ezifama, emakhitshini, abantu abakhubazekileyo kunye nabantu abangaqeshwanga. Umbutho weSizwe iANC uqinisekisa abantu bakuthi, ukuthi siyakuwuqinisa umqolo ekuziseni iinkonzo zikarhulumente eluntwini, ezifana namanzi ugutyul'ondle kunye nezindlu. Ndiyabulela. (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Ms N B DAMBUZA (ANC): Madam Speaker, this statement is about the handing over of houses. The ANC-led government, in partnership with civic organisations, is striving all the time to provide people with a roof over their heads. This was one of the proposals made by the people of South Africa when they formulated the Freedom Charter in 1955. In the spirit of this proposal, the provincial government of the Eastern Cape, which is led by the ANC, handed over 500 houses to the people of Addo. The beneficiaries in this instance were farmworkers, domestic workers, the disabled and unemployed people. The ANC assures people that it will do everything in its power to provide them with government services, such as water, sewage and houses. Thank you.]