Umbutho weSizwe uKhongolose ukholelwa kwelokuba ubonelelo ngezindlu lilungelo laye wonke ubani; ukuhlala phantsi kwemeko enesidima, uxolo nesithozela lilungelo laye wonke ubani ongummi apha eMzantsi Afrika.
Umasipala ombaxa wesixeko saseBhayi owaziwa ngokuba yiNelson Mandela Bay, okhokelwa ngumbutho kaKhongolose uphuma iphulo ukuqinisekisa ngolwakhiwo lwezindlu ezisemgangathweni, ingakumbi ezabantu abangabemi beli lizwe.
Olu lwakhiwo lwezindlu luya kugxininisa kubantu abahlala ingakumbi ematyotyombeni kunye nakwiindawo ekuye kuthi xa kunetha imizi yabantu ikhukuliseke. Urhulumente okhokelwa nguKhongolese uya kuthi gqolo ekwakheni iindawo zokuhlala ezikufutshane neendawo zempangelo okanye zokuxelenga, amaziko ezemfundo kwakunye namaziko ezempilo. Ndiyabulela Sekela-Somlomo. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Mr L SUKA (ANC): The people's party, the ANC, believes that it is everyone's right to be provided with a house; living with dignity and in peace and harmony is the right of every South African citizen.
The metropolitan municipality of the city of Port Elizabeth, known as Nelson Mandela Bay, which is led by the ANC, has embarked on a campaign of ensuring the construction of quality houses, especially for the citizens of this country.
The construction of these houses will focus more on people who are living in informal settlements and places that are prone to flooding during heavy rains. The ANC-led government will continue developing residential areas that are close to the places of employment or workplaces, educational institutions and healthcare facilities. Thank you, Deputy Speaker. [Applause.]]