Enkosi Somlomo. Umbutho wesizwe i-ANC ilugxeka ngamdla uhlaselo lwamagosa ogcino-cwangco noxolo kwiindawo esihlala kuzo, ingakumbi apha eNtshona Koloni. Kwisithuba seveki ezintathu kwiilokishi zeli leNtshona Koloni, amagosa ezogcino-cwangco ahlaselwe izihlandlo ezintathu. Kwezibini kuzo amapolisa amabini athe aphulukana nobomi bawo, elinye ipolisa liyachacha esibhedlele. Kuzo zozithathu ezi ziganeko, amapolisa aphulukene nemipu yawo yomsebenzi, nto leyo ebonakalisa ngokumhlophe ukuba eyona nto ifunwa ngamandla zezi ntswela mbeko yimipu eyakuthi isetyenziswe kugebengo lwabantu abangenatyala.
URhulumente okhokelwa ngumbutho wesizwe i-ANC, uzakubuncothula kunye neengcambu ubukrelemnqa, kodwa ke kuthi malungu ombutho wesizwe icace gca okwe kat'emhloph'ehlungwini ukuba urhulumente eyedwa angekhe aphumelele ukwenza oko. Angaphumelela xa kukho inkxaso evela ebantwini basekuhlaleni. Siyabulela. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Mr M M DIKGACWI (ANC): Thank you, Chairperson. The people's organisation, the ANC, strongly criticises the attack on safety and security officials in our communities, especially in the Western Cape. In three weeks' time the safety and security officials in the townships of the Western Cape have been attacked three times. In two of these attacks two police officers lost their lives and one of them is recovering in hospital. In these three incidents the police officers lost their service firearms. This clearly shows that what these thugs are looking for are firearms, which will be used in violent attacks and in the murdering of innocent people.
The ANC-led government will uproot crime, but to us members of the people's party it is vividly clear that the government alone will not succeed in doing that. The government can only succeed with support from the community. Thank you. [Applause.]]