Sihlalo obekekileyo, urhulumente okhokelwa yi-ANC uzimisele ekukhawuleziseni inkqubo yokwakha izindlu ezisemgangathweni ezilungiselelwe abantu abangathathi ntweni.
Urhulumente wephondo leMpuma Koloni uza kube enikezela ngezindlu kubahlali base-Tarkastad kwingingqi yaseChris Hani ngomhla wesi-3 kuJulayi 2009. Lo msitho uya kuzinyaswa yiNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni kunye nomphathiswa wezindlu kweli phondo.
I-ANC iya kusoloko isebenzisana noluntu ekuqinisekiseni ukuba bonke abantu bayaxhamla kwinkqubo yezindlu ezakhiwa ngurhulumente, ingakumbi abantu abangenandawo zokuhlala kunye nabo bahlala ematyotyombeni. Xa sibambisene, singenza lukhulu. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiZulu member's statement follows.)
[Ms M L DUNJWA (ANC): Hon Chairperson, the ANC-led government is committed to fast-tracking the programme of building quality houses for the poor.
The Eastern Cape provincial government will be handing over houses to the community of Tarkastad in the Chris Hani District Municipality on 3 July 2009. This occasion will be honoured by the presence of the Premier of the Eastern Cape province and the MEC for human settlements of the province. The ANC will always work together with the community at ensuring that all people benefit from the government's housing programme, more especially people who have no shelter and those living in informal settlements. Working together, we can do more. Thank you. [Applause.]]