Sihlalo obekekileyo, urhulumente oxhuzula imikhala okhokelwa ngumbutho wesizwe i-ANC, uzimisele ekusebenzisaneni nabantu, ingakumbi abo bahlala ezilalini nasemaphandleni.
Kutshanje iSebe leZolimo noPhuhliso lwaMaphandle kurhulumente weMpuma Koloni okhokelwa ngulo mbutho, liye laxhasa umfama osakhasayo ngemali ekumyinge wezigidi ezithathu zeerandi, uNksz Kali. Le nkxaso-mali yenzelwe ukuba uNksz Kali aphuhlise ishishini lakhe leenkukhu ngokuthi akhe indawo yokuzizalisela.
Uqikelelo luthi, xa lo msebenzi ugqityiwe, uya kuvelisa iinkukhu ezili-10 000 ngeveki. Loo nto iyakwandisa amathuba engqesho apho eNgqamakhwe.
UNksz Kali ngumfama ophume izandla kwaye uthe wawongwa ngembasa yokuba nguMfama woNyaka kwicandelo labasethyini. Ngoyena mfama mncinane owakhe waluphumelela olu khuphiswano. Thina singumbutho wesizwe, siya kuthi gqolo sisebenzisana nabantu bakuthi ekulweni indlala. Enkosi, Mhlalingaphambili. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Mr L SUKA (ANC): Chairperson, the government led by the nation's party, the ANC, is committed to working with the people especially those residing in rural areas.
Recently, the department of agriculture and rural development in the Eastern Cape government, also led by the same party, awarded approximately R3 million rand to an up-and-coming farmer by the name of Miss Kali. This funding is to enable Miss Kali to expand her chicken venture by building a poultry pen.
It is estimated that, when the building is completed, she will produce 10 000 chickens per week. That will create more job opportunities in Ngqamakhwe.
Miss Kali is an excellent farmer and she has been awarded the accolade of Female Farmer of the Year. She is the youngest farmer ever to win this competition. The ANC will continue to work with the people in fighting poverty. Thank you, Chairperson. [Applause.]]