I-ANC ixhalabile ngamaqondo aphezulu okugetyengwa nokubulawa ngokungenalusini kwabantu abadala, ingakumbi abantu ababhinqileyo, ngeli xesha sigqiba kubhiyozela usuku loomama kwinyanga yoomama. Isihelegu esimasikizi sehle kusapho lomfundisi osele ethathe umhlalaphantsi, uMfundisi uQona, kunye nenkosikazi yakhe abathe bagetyengwa ngokumasikizi endlini yabo eDikeni.
Siyi-ANC siyazigxeka zonke iintlobo zolwaphulo-mthetho nobundlongela ezweni lethu. Sikwathembisa ukubuncothula neengcambu zabo ubundlongela, naphi na apho bukhoyo, nokuba benziwa ngubani na.
Umbandela wokulwa ubundlobongela yenye yemingeni engundoqo kurhulumente we- ANC. Iinjongo zethu kukuqinisekisa ngokhuseleko oluluqilima lwabantu bonke kwiindawo abahlala kuzo.
Kananjalo, siyawabulela amapolisa ngendima ayidlalileyo ngokukhawuleza abambe abarhanelwa abase eluvalelweni. Sithi nangamso kuwo. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Mrs P TSHWETE (ANC): The ANC is concerned about the high rates of assault against and merciless manslaughter of old people, especially women, after we have just celebrated Women's Day during this women's month. This tragic incident happened at the family of Rev Qona, who had just retired. He was brutally murdered together with his wife in their home in Alice.
As the ANC, we condemn all kinds of criminal acts and violence in our country. We also promise the total eradication of violence and the perpetrators, wherever they are.
The issue of crime eradication is one of the major challenges that the ANC- led government is faced with. Our aim is to ensure that there is adequate security for all people in their communities.
However, we also commend the outstanding role played by our police officials in promptly arresting suspects. We thank you for that. [Applause.]]