I-ANC ikhwankqisiwe sisihelegu sokugetyengwa kalusizi kukamama uWolani Mayihlome ominyaka ingama-67 kunye nabazukulwana bakhe ababini uNompucuko ominyaka ili-19 kunye noVusumzi ominyaka ingama-24 ngoLwesine umhla we-11 ku-Agasti, eMayalweni Village eluSikisiki, besolwa ngobugqwirha. Eyona nto ibuhlungu kakhulu, esi senzo senzeka kanye emva kosuku lokubhiyozela uSuku looMama. Kwaye ngale nyanga yoomama sisoloko siqwalasela ukuba liyonyuka izinga lokuhlukunyezwa nokubulawa koomama nabantwana.
Ngoko ke, siyi-ANC sivakalisa uvelwano olungazenzisiyo kusapho oluthe lwahlelwe yile ntlekele imbi kangaka, nakwizalamane zabo. Sicela uluntu ngokubanzi ukuba luyixhase kwaye luzinikezele, ingakumbi iinkokheli zemveli kunye nooceba, ekusebenzisaneni namaqumrhu oomama ekuzameni ukulwa lo mkhwa wokuxhatshazwa kwabantu abadala ngezityholo zobugqwirha. Sikwacela kananjalo amapolisa ukuba adlale indima yawo ekuqinisekiseni ukuba abenzi bobubi bayavalelwa. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa] (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Mrs B TINTO: The ANC is shocked by the disaster of the brutal murder on Thursday, 11 August of the 67-year-old Mrs Wolani Mayihlome and her two grandchildren, Nompucuko and Vusumzi, who are 19 and 24 years old, respectively, at Mayalweni Village in Lusikisiki because they were accused of witchcraft. The most painful thing is that this incident occured immediately after Women's Day was celebrated. Furthermore, we notice an increase in the rate of abuse and killing of women and children during women's month.
Therefore, as the ANC, we convey our sincerest condolences to the family that has experienced this terrible tragedy, as well as to their relatives. We ask that the community at large, especially traditional leaders and ward councillors, support and commit themselves to working together with women's organisations in trying to fight this habit of the abuse of the elderly because they are accused of witchcraft. We also ask the police to play their part in ensuring that the perpetrators are arrested. Thank you. [Applause.]]