Sekela-somlomo, le Ndlu isandul' ukusungula ivumela ukuphunyezwa kokubakho kwebhunga elijongene nemidlalo nolonwabo apha kule Ndlu phakathi kwamalungu ale Ndlu nabasebenzi basePalamente. Eli bhunga linoxanduva lokuqinisekisa ukuba amaLungu ale Ndlu kunye nabasebenzi bathabatha inxaxheba kukhuphiswano lwezemidlalo nezolonwabo.
Umsebenzi weli bhunga kukuqinisekisa ukuba bonke abantu bathabatha inxaxheba kumabakala onke okudlala nanjengoko le Ndlu inoxanduva lokujonga ukuba oko kuyenzeka eluntwini. Loo nto iqale ukwenzeka apha kule Palamente sikuyo ukuya kumaphondo, nokuyithatha le mo iye koomasipala nakwilizwe lonke laseAfrika. Ikwaqinisekisa nokuba le Palamente ithabatha inxaxheba kwimiba yabantu, kwanokuqinisekisa ukuba abantu bathabatha inxaxheba kwimicimbi yale Ndlu.
Ngomhla we-19 kuFebruwari, phaya eMqhekezweni eMthatha, oomama baye bafinya ngeefaskoti, ootata nabantwana befinya ngeengqiniba lulonwabo xa amaLungu ale Ndlu kunye nabasebenzi bathe bayokubonisa kulaa ndawo yaseMqhekezweni okokuba amaLungu ePalamente namagqala emidlalo ngemidlalo asenakho ukuthabatha inxaxheba. Oko bekuqhubeka kulaa ndawo yaseMqhekezweni apho igqala lenkuleko, uGqirha uRholihlahla Mandela, noKumkani uSabatha Dalindyebo bathi bakhuliselwa khona nguNkosi uJongintaba Mtirara. Laa ndawo ithe yanenyhweba yokuba amaLungu ePalamente - oomama nootata - abonakalise ukuba le Palemente yesine yenkululeko yiPalamente etshintshileyo. [Kwaphela ixesha.] (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Dr Z LUYENGE (ANC): Deputy Speaker, this House has just agreed to initiate a council that deals with sport and recreation among members of this House and parliamentary staff. This council has the responsibility to ensure that members of this House and parliamentary staff participate in competitive sport and recreation.
The duty of this council is to ensure that all the people participate in various sports as it is also the responsibility of this House to ensure that this happens. This is supposed to start at this Parliament, extend to the provinces, cascade down to the municipalities and further on to the whole of Africa. It is also to ensure that this Parliament takes part in the people's affairs and that the people, in return, take part in those of this House.
On 19 February, at Mqhekezweni village in Umtata, women, men and children were entertained when members of this House and parliamentary officials showed the people of Mqhekezweni that members of Parliament and sports veterans in the different sport codes can still participate in sport. This happened at Mqhekezweni where our veteran and icon, Dr Rholihlahla Mandela, and King Sabatha Dalindyebo were raised by King Jongintaba Mtirara. That village had the honour - men and women - to see Members of Parliament displaying the fact that this Fourth Parliament is a free and changed Parliament. [Time expired.]]