Siyayazi, kwaye seyithethiwe apha, ukuba ezi zikhululo zeenqwelo-moya zazikade zithiywe ngamagama abantu ababengabacinezeli bethu ngaphambili. Awukwazi ukuthi isikhululo senqwelo-moya masithiywe ngomntu ozalelwe kuloo ndawo. UBotha zange azalelwe apha eKapa, wazalelwa KwaZulu-Natal. Ukuba ubuyela kwinto yokuba umntu makabe kulaa ndawo azalelwa kuyo, loo nto ithetha ukuba ubuyela kwinkqubo yamaphandle. Ngoku wena uthi mna mandihambe ndiye eTranskei omnye aye eBoputhatswana. [Kwaqhwatywa.] Ukanti eyona nto ebalulekileyo yeyokuba kubekho intsebenziswano, abantu basebenzisane. Ilifa lemveli liyinto ebalulekileyo ukuze siqonde kakuhle imbali