Minister, ek gee u 'n geleentheid om die tolk nader te roep. In ag genome die feit dat die SAUK 'n beperkte of geen begroting het nie. Hoe gaan die SAUK hul mandaat vervul om kwaliteit en genoegsame inhoud aan die publiek te lewer?
UMPHATHISWA WEZONXIBELELWANO NEENKONZO ZEPOSI: Njengoko
sewutshilo ukuba iBhunga eli lethu lezoSasazo loMzantsi Afrika lijongene neengxaki ezinkulu zemali. Sesona sizathu sibangele ukuba uMphathiswa wezeZimali, u-Tito Mboweni athi, siza kusebenzisana ukuqinisekisa ukuba siyancedisa apho ibhunga lifuna ukuncediswa khona.
Ukwenza oku ke njengoko besenditshilo ekuqaleni kuthetha ukuba, kuza kufuneka i-SABC ize nenkqubo eza kuncedisa kwaye ijonge ukuba siza kuzahlula njani ezi ngxaki sijongene nazo kunye nala matyala sinawo. Loo nto izakwenza ukuba sazi ukuba kwixa elizayo ibhunga eli lisemandleni kwaye lenza umsebenzi walo ngokufanelekileyo. Ndiyabulela Somlomo[Kwaqhwatywa.]
Question 65: