Siyababulela nabantu abathe beza kudliwano-ndlebe, ngokuzinikela kwabo kakhulu nangokubonisa ubuchwephesha abanabo. Sizamile kangangoko ukuba abagqatswa esibakhethileyo ibe ngabantu abaza kuwumela lo msebenzi ongekholula kakhulu. Sijonge abantu abaza kuthi bamelane neengxaki ezikhoyo kule bhodi khona ukuze bazilungise. Sifuna ukuba ingaphindi yenzeke into yokuba ibhodi ingakwazi ukwenza umsebenzi obalulekileyo emiselwe yona.