Lo mntu sithetha ngaye ngumama wemizamo nemigudu kwaye siyibonile loo nto esilwela inkululeko. Akaphetha nje ukuba nguNomzamo, wanguZanyiwe. Le mizamo iyazanywa, akwenziwa imizamo kuhlaliwe nje kungenziwanto. Kuyazanywa, Nomzamo, Zanyiwe. [Kwaqhwatywa.] Wafika emzini wakhe kwathiwa nguNobandla. Eli gama libalulekile. Ibandla eli, lithetha ukuba ungunina woluntu ngokubanzi. Into yokuba abengumama wesizwe asiyonto evuke nje engceni. Intsingiselo yeli gama isuke kwiminqweno yabazali bakhe kuqala yaze yawelela kwiminqweno yabantu bomzi wakhe.