Umama uNomzamo Winnie Mandela, uZanyiwe, uwulwile umzabalazo, wema enyanisweni, efunga akajika nokuba kwakukubi kangakanani na. Ungumntu owayesithi, "mna ndililungu le-ANC", nokuba kwakunzima kangakanani na. Zange wabhetyebhetye athi kuba esehlelwa zizinto uyayishiya i-ANC. Ude walishiya eli hlabathi eyicacisa into yokuba yena uya kuhlala elilungu le- ANC. [Kwaqhwtywa.]