Somlomo, sithetha esikubonileyo singqine esikuvileyo. Oongqondongqondo, abahlaziyi, abahleli, abaqononondisi besimo sokhenketho nabeenkcukacha-manani eMzantsi Afrika bathi kuphicotho lwabo ngezokhenketho luzigwagwisa ngengeniso ethe catha nge-15,1% kwisiqingatha salo nyaka, xa kuthelekiswa ngokulandelelana kweminyaka ukunyuka kwengeniso yonyaka ngamnye.
Ithi ke le nto, ingeniso kwisiqingatha sokuqala kulo nyaka ibe zizigidi ezintathu nesiqingatha, ezingaxoxi nje tu. ...