Dumelang bagaetsho.
Sesotho:
Kajeno re tlo dumedisa mosadi ya sebeditseng ka thata.
English:
Mama we are here to say thank you very much for serving us and this institution with distinction.
IsiXhosa:
... ngokuthi yonke le minyaka...
English:
You know one of the things that struck me about how you carried yourself in this Parliament...
IsiXhosa:
... yintobeko yakho[your humility.] Ude ufikelele kwiqondo lokuba abantu abatsha abafana nathi ubenyuse babengathi ngabantu abadala kunawe ekubeni inguwe omdala kwaye ungayibonakalisa nento yokuba unamagunya onawo kule Palamente nokuba sele ufuna ukusigxotha.
Ngenene yinyaniso emsulwa le ithi, bendisithi xa ndikuqhula ndithi ndifuna imini apho nam uzakukhe ukhangele iitshomi zindikhuphe ngaphandle. Ndiye ndacela kodwa kuwe ukuba ibenguwe buqu ondifunqulayo undikhuphela ngaphandle, kodwa ke zange wayenza loo nto.
English:
Probably you will have to do it again in the seventh democratic Parliament. The other important issue...
IsiXhosa:
... mama kwindlela nesikhokelo sakho ...
English:
... is that you had the unenviable task especially in the last term, of having to evict some of us from this House.
IsiXhosa:
Bakwenzisa umsebenzi obalulekileyo kuba uze ukhumbule ukuba ubungazukuwazi akho ude kufike amaxesha anjalo. Thina silapha nje siyi-UDM asiphakamelanga nje ukuthi uze uphumle kakuhle kumhlala-phantsi owuthathayo, sifuna ukuthi uwushiyile umzila ngemva. Ushiye umzila ukuze nabanye abazakufika emva kwakho ngakumbi xa ubungumama wokuqala oliDindala leNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe.
Kufuneka siyazi ukuba abantwana abangamantombazana namanye amanina babone ukuba le nto iyakwazi ukwenziwa ngamanina apha ngaphathi kwaye bayenze iphumelele. Kuloo ndawo sifuna ukuthi, malibongwe! Xa ndigqibezela ndifuna ukuthi kuwe, mna njengenkokeli entsha ndiyifundile intobeko kuwe. Ndifundile ukuba ukwazi ukuthi umdala umhloniphe omncinci kunawe. Ndifundile ukuba umntu uyakwazi ukuthi emncinci athotyelwe nokuba sele engathethi into eyiyo, kuba kaloku uxabise into ephuma emlonyeni wakhe.
Umakhulu wam wayesithi, ubokumhlonipha umntu mntwana wam kuba umntu ayisingowakho ngokaThixo. Ndifuna ukuthi indlela ubusebenzisana nathi ngayo, ibinjalo. Ndithi ke
uze uwonwabele umhlala-phantsi mama, usazi ukuba thina eMzantsi Afrika nalapha kule Ndlu yoWiso-mthetho yeSizwe siyakuthanda. Camagu! [Kwaqhwatywa]