Sihlalo weNdlu, njengeKomiti eSisigxina yeSebe lezeMali yoHlaziyo loHlahlo lwabiwo-mali neziNdululo kunye namajelo alo kubaluleke kakhulu ekukhuseleni imeko yezemali eMzantsi Afrika. Isahluko se-13 kuMgaqo- siseko welizwe siyaligunyazisa isebe ukuba kungabikho mfihlo kwaye kuphendulwe ngempatho-mali efanelekileyo kuba zimali zabantu. Loo nto inyanzelisa ukuba kubekho impatho entle, konyuke uphuhliso, uqoqosho lubeluhle, norhulumento olungcono. Nangaphezulu kwezinto zonke, injongo kukuphucula umgangatho wokuphila wommi wonke waseMzantsi Afrika.
Ikhona indima ebonakalayo kwiziphakamiso zethutyana zikarhulumente kaGalel'ebhayini owavula umlomo wonke ubani kwatsho kwakhonya noomofu. [Kwahlekwa.] Siyaqhuba ngokululeka abathe baphosisa ukuze kukhule ukuwuthemba umbuso, kunyuke utyalo-mali noqoqosho lukhule. UKhongolose uyahlupheka kuba inkcitho engenaziqhamo yande ukusuka kuma-R71 million kunya-kamali odlulileyo yaya kuthi ga kuma- R82 million kulo nyaka-mali. Ingxenye yale nkcitho yenziwe apha esebeni nakwi-Arhente yeeNkonzo zeRhafu.
ISebe lezeMali kufanele ukuba liqaphele ukucuthwa kwamatyala ombuso ukuze alungelelane nemali eyenziwa ngurhulumente kwi-GDP. Enye indlela yokuhlumisa kukwakhiwa ngokutsha kwejelo lombane ukucutha umngcipheko oza no-Eskom kuqoqosho nakwindleko zoluntu ngokubanzi. Isebe lifuna ukuhlaziya nokukhulisa uqoqosho kuquka nokwakha ngokutsha amacandelo anamashishini karhulumente.
I-ANC ihlaba ikhwelo kubaphathiswa bamasebe nabo bonke abasemagunyeni kuquka iSebe lokuCeba, ukuPhonononga nokuVavanya ukuba badlale indima ebonakalayo kwaye baqinisekise nokuba iingcebiso zomphicothi-zincwadi ziyaphuhliswa. I-ANC iyayixhasa le ngxelo yeSebe lezeMali.
Question put.
Agreed to.
-----------------------