Somlomo namalungu abekekileyo ale Ndlu yoWiso-mthetho sithi egameni le-UDM tutwini kubantu
baseZimbabwe nakusapho lukatata uMugabe. Ngexesha ndandisaphethe, phofu ndizibeke ngenkani kuloo minyaka, ndaba nethamsanqa lokuba ndimemnywe eSwaziland kumsitho wokubekwa kukaKumkani uMswati III. [Kwahlekwa.] UKumkani lo waye wandazisa kwiinkokheli zeeFrontline States apho ndaye ndadibana notata lo. Ukusukela ngoko samana sidibana kwimisitho okanye kwiinkomfa ezithile.
Njengoko kusitshiwo, ngumntu onobuntu kwaye ufundile. Xa sidibene ebedla ngokundibalisela ngeentsomi zabo zaseDikeni kwanokuba babesenza ntoni bejikeleza kweza lali bekhangela izinto abacinga ukuba zingabaphilisa. Lilonke sithi noko le ndoda isebenzile nangona ibinazo iingxakana ethe yabanazo njengamntu wonke. Ayikho inkokeli engenazingxaki. Sonke siyafana sizinkokeli, zineempazamo zethu. [Kwaqhwatywa.] Kodwa ke yena into esiya kuthi simkhumbule ngayo yile ibithethwa apha ngutata uMeshoe yemfundo.
Ndikhe ndathetha nenkumanda yemikhosi iZipra, enye yeenjengele eziphume izandla, ndibuza ukuba kwakutheni ukuze kwenzeke laa nto eMatabeleland. Wayibeka kakuhle into yokuba iinjengele ezazingqonge utata uMugabe zaba
neempembelelo ezingalunganga ezade zabangela ukuba kubekho ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi koNkomo naye. Loo nto yabangela ukuba kusweleke abantu abaninzi. Ezo zinto ke azibhalwa kakuhle ngababhali bembali. Nangoku uya kufamanisa ukuba kwezi nkokeli zikhe zanikhokela umntu nimvotela elungile kodwa ufumanise ukuba le nto ebeyithunyiwe ixhwilwa ngaba bamngqongileyo.
Ngoko ke, lilonke sithi tata uMugabe lala ngoxolo uphumle. Wandinceda ke kodwa kuba wandivulela iminyango ndaya kuqhina koo-Angola ukuya kubona uDos Santos, ndangena eZambia ukuya kukhahlela ku-K K Kaunda nase- Uganda apho ndadibana noMuseveni sithetha ngokukhulula uMzantsi Afrika, makwedini, hayi le nto niyenzayo ngoku yokutya imali. Hayi maan. [Kwahlekwa.]
IsiXhosa: