Sihlalo weNdlu, uhlahlo lwabiwo-mali yeSebe lezeMpilo alusetyenziselwa abantu baseMzantsi Afrika. Sibane sixelelwa ukuba imali ayikho kodwa ingxaki yeyokuba imali ekhoyo ayisetyenziswa kwiinkonzo eziya eluntwini. Eyona nto ecace mhlophe kule nkqubo yoHlaziyo loHlahlo lwabiwo- mali yeyokuba urhulumente akazimiselanga ukulungisa inkqubo yezempilo yethu.
Uluntu lwaseMzantsi Afrika luthenjiswe nge-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe okungathi lo Mthetho oYilwayo wenzelwe ukulungisa ezempilo. Akukhonto ebuhlungu njengokubukela urhulumente okhekelwa yi-ANC elahlekisa abantu kwaye bethembisa ngezinto ezingasokuze ziphunyezwe.
[Kwaqhwatywa.] Lo Mthetho awusayi kufaka abongikazi noogqirha ezibhedlele naseziklinikhi; awusayi kuzisa amayeza aza kunceda abantu; awusayi kuqinisekisa ukuba abantu abalindi imini yonke besiya kufuna uncedo; kwaye awusayi kuphelisa urhwaphilizo kweli sebe.
Lo Mthetho uza kuzisa ukubiwa kwemali ngabo baseLuthuli House kwaye uza kunyusela ngerhafu abantu abahleli benemivuzo engaphucukanga. Ukuphuculwa kwezempilo yinto i-DA ezimisele kuyo kodwa lona uMthetho uza kusibuyisela umva. Abantu bethu baza kuhlala bengamaxhoba karhulumente ongakhathaliyo. UNondyebo uyibeke yacaca mhlophe ukuba imali efunwa ngaba bantu bafuna lo Mthetho ayikho. UMphathiswa uMkhize weli sebe uqine enyaleni yena kuquka namalungu e-ANC akwiKomiti yeMicimbi yeSebe lezeMpilo azimisele ukuba ziimbongi njee zalo Mphathiswa. La malungu awazimiselanga ukukhonza abantu abasinyulileyo.
Singumbutho weDA, sifuna ukuba iinkonzo ezisemgangathweni zisiwe ebantwini kwaye siqinisekise ukuba imali yoluntu ayibiwa ngabantu abanyolukileyo. Asiyixhasi leNgxelo yoHlaziyo loHlahlo lwabiwo-mali. [Kwaqhwatywa.]