Mandibulele Sihlalo weNdlu, siyi-ATM siyayixhasa le ngxelo kodwa sinezinto eziphambili esifuna ukuzithetha ukuze zijongwe yikomiti. Okokuqala masivuyisane naba masipala bali-18, kodwa ndincome ngokukodwa uMasipala weNgingqi iSenqu. Oko wasekwa
usoloko ufumana uphicotho-zincwadi olungenachaphaza. Lo ngumasipala wasemakhaya, ezilalini phaa kooSterkspruit. Izinto aphuma phambili ngazo zii...
English:
... internal controls, credit control policy, debit collection policy and indigent policy that are in place.
IsiXhosa:
Kwakhona ingxaki yam ikula Masipala weNgingqi iMafube eFree State osoloko unechaphaza kuphicotho-zincwadi kulandelelana iminyaka ekubeni kukho ungenelelo phaya lwecandelo le-139. Eyona ngxaki yile ibikhe yakhankanywa yokungabeki iliso kuba ufumanisa ukuba...
English:
... the administrator that is deployed there...
IsiXhosa:
... zange wangena e-ofisini. Umasipala usasokola ngolaa hlobo wawusokola ngalo kungekabikho mlawuli abe phofu ehlawulwa. Loo nto ithetha ukuba...
English:
... close monitoring is of vital importance. Again, ...
IsiXhosa:
... kule nto yoomasipala abadityanisiweyo ufumanisa ukuba kusekho ingxaki, bayakwazi ukudityaniswa babe bathathu bengenangeniso bonke. Xa uyijonga isabelo sabo nezibonelelo abazifumana kwiphondo uye ubone ukuba zilingana nomasipala omnye phambi kokuba badityaniswe. Loo nto ithetha ukuba abancediseki kwaye kufuneka sibuye umva sijonge ukuba senze into elungileyo kusini na. Mhlawumbi siphinde siyiqwalasele laa nkqubo kuba basokola ngakumbi oomasipalala abebesokola ngaphambili. Xa sisiya kwingxaki yamanzi atyalwa ngoomasipala...[Kwaphela ixesha.] Enkosi kakhulu.