Sihlalo, Ngqongqoshe womnyango ohloniphekile, cha uphendule kahle imibuzo eminingi impela. Kulokho ngithi angibuze ukuthi yiziphi izinhlelo ezibekiweyo wumnyango zokuqinisekisa ukuthi iziteshi zokusakaza azivalwa ikakhulukazi emphakathini nokudlulisa nje ulwazi olukhululekile lwezindaba? Ngicela nje ukwazi ukuthi eziphi-ke izinhlelo Ngqongqoshe ukuthi ngeziphi ke izinhlelo onazo ukuze kungaphazamiseki ukuthi abantu bazizwe izindaba lezi? Ngiyabonga ... [Akuzwakali.]
IsiXhosa:
UMPHATHISWA WEZONXIBELELWANO: Sekela Sihlalo, siliSebe lezoNxibelelwano nesebe elikwi-Ofisi kaMongameli siye sathi ukuthabatha kwethu inyathelo lokuba sidibanise kanye lamashishini
sithetha ngawo ukuqinisekisa into yokuba ziyahlala nebhunga elijongene nacandelo lezokusasaza, njengoko besenditshilo. Intlanganiso yabo imiselwe umhla we-7 kweyeNkanga. Kulapho ke baza kutsho bathi nazi ingxaki esijongene nazo. Elethu ibhunga lokuhambisa amaza, elingu-Sentech, liza kuqinisekisa ukuba liyahlangabezana nabo. Oko kuya kuquka ukubonisana ukuba sibe nomnyinyiva kwiintlawulo ukwenzela ukuba abanye singabahlawulisi kakhulu xa sibabona ukuba abathathintweni.
Okubalulekileyo kuthi siliSebe lezoNxibelelwano kukuqinisekisa ukuba abantu baseMzansi Afrika, ngalo lonke ixesha, bafumana ulwazi ukanti bayakwazi ukuxhumana nezizwe ngezizwe. Ndiyabulela, Sekela Sihlalo. [Kwaqhwatywa.]
English: