Mphathiswa, ingaba bangaphi abasebenzi abajongene notshutshiso okanye abanqunyanyisiweyo emsebenzini ngenjongo zokuba bajongane nolwaluleko kuba bexhaphaze ngokwezesondo?
UMPHATHISWA WEZONXIBELELWANO: Lungu elihloniphekileyo, njengoko benditshilo phaya ekuqaleni ukuba besinamatyala amathandathu abantu abachaphazeleka kwesi simo sithetha ngaso. Abanye babo siye sakwazi ukuba sibakhulule emsebenzini, sabagxotha kwaphela kodwa abanye sisaphanda ngabo. Omnye wabo, njengoko besele nditshilo uye wayeka emsebenzini phambi kokuba sigqibezele inkqubo yokuphanda
ngaye. Siyaqhubeleka sisebenzisana neSebe lezobuNtlola eliphantsi koMama u- Uyanda Dlodlo. Siyancedisana neli sebe ekuphandeni nzulu ukuba ingaba abekho kusini na abanye abantu ababefunyanwe benetyala lalo mkhuba ukuze sikwazi ukusebenza ngokusemthethweni silisebe namabhunga aphantsi kwethu. Ndiyabulela, Sekela Sihlalo.