Mphathiswa, ngomhla we-6 kweyeNkanga kunyaka ophelileyo iKomishoni yoPhando ngokuXhatshazwa ngokweSondo ye-SABC (Commission of Enquiry into Sexual Harassment SABC), yathi thakanca ingxelo yayo. Esinye seziphakamiso sikhuthaza iSABC ukuba ize nento efana neKomishoni yeeNyaniso noXolelaniso, TRC okanye into efana nala ngqawule yayenziwe ziiNkonzo zeRhafu zoMzantsi Afrika kubantu ababephepha ukuhlawula irhafu. Esi siphakamiso sithi, abantu abafumana umsebenzi ngokuthi baqale bangqengqe okanye bavume indoda mabaze ngaphambili ukuze bafumane ingqawule. Kumaxa kundawoni Mphathiswa neso siphakamiso sekomishoni yophando? Enkosi.
UMPHATHISWA WEZONXIBELELWANO: Njengoko esitsho naye ohloniphekileyo uNhanha, ntonje uyibhuda xa ecinga ukuba ngoomama kuphela aba bangqengqayo ukuze bafumane imisebenzi. Kaloku mayicace ukuba nootata bayangqengqiswa batsho bafumane imisebenzi. Xa ndiphendula ke kodwa umbuzo wakhe, siye sangena kwibakala
lokuba siphande aba bantu athetha ngabo, aba kuthiwe mabanikwe ingqawule le sithetha ngayo.
English:
We need to create an environment that will be conducive for them to be able to come and declare that they are victims. It is not easy to declare your status if you are not certain that you will be protected by your organisation. So, these are the measures that we are putting in place to ensure that by the time they come, they will receive support and protection from their own organisation. We will come back and report on the numbers of the people who have come to the front to say they are the victims, Stella Ndabeni Abrahams seduced us and this is what happened and that is why we ended up being employed here or hon Nhanha did this to us. Therefore, we will ask what decision we take on the conduct of hon Nhanha in the matter referred to.
Question 210: