Mphathiswa, umcimbio wemali uwunyathele ukuba imali ayikho. Asinakuze sikunkqangise ngokungabikho kwemali kuba ayenziwanga nguwe kwaye siyayazi imali yeli lizwe ukuba yayokutshona phi na. Ingaba uyaneliseka kusini na ukuba phaya ...
English:
... Tshwane Mail Centre the basic employment conditions are met per minimum?
IsiXhosa:
UMPHATHISWA WEZONXIBELELWANO: Benditshilo kwangaphambili ukuba silisebe asonelisekanga thina kuqala ngesimo abasebenzi bethu abazifumana besebenza phantsi kwaso. Yiyo le nto sithathe isigqibo sokuba sihlenga-hlengise iinkqubo nohlahlo lwabiwo-mali lwethu ukuze sikwazi ukwenza ezi zinto ziphambili nezibalulekileyo. Sifuna ukukhusela nokuqinisekisa ukuba abasebenzi bethu baphuhlisa ngokusemgangathweni olindelekileyo. Kufuneka sijonge ukuba abasebenzi bethu basebenza kwiindawo ezinjani nezikhuselekileyo.
Sifuna nokuqinisekisa ukuba abasebenzi bahlala kwindawo apho nam njengoMphathiswa ndingakwazi ukuhlala imini yonke xa ndinokuthi ndityelele kwindawo abasebenza kuyo. Eli phulo ke libaluleke kakhulu kuthi kwaye yiyo loo nto ndithe siyahlenga-hlengisa kwizinto esizenzayo. Abasebenzi baza kutsho ngokwabo ukuba zeziphi emazibekwe phambili nathi ke sithathele apho ukuya kucela imali ngohlobo esiza kube sivumelene ngalo. Ndiyabulela, Sekela Sihlalo.