Ngiyabonga Sekela Sihlalo, Ngqongqoshe owami umbuzo lapha ukuthi uSABC hlezi njalo sizwa ukuthi uyatakulwa ezikweledini osuke unazo, unikezwa izimali kodwa asikaze sikuthole ukuthi ulanda nini ngalezi zimali. Ngaso sonke isikhathi sithola ukuthi u-SABC uyakweleta ngabe kwenzakalani? Likhona yini iplani elikhona ukuqinisekisa ukuthi njalo uma ngabe uSABC ethola imali uyisebenzisa ngendlela efanele futhi ayikho eshona ephaketheni?
IsiXhosa:
UMPHATHISWA WEZONXIBELELWANO: Sekela Sihlalo, njengoko besele nditshilo kula mgaqo-nkqubo okula mqulu esithe sawungenisa phaya kuNongxowa sisebenza neSABC, ezinye zezindululo kukuqinisekisa ukuba banika ingxelo ngotyalo-malo nangenkcitho yabo rhoqo ngenyanga. Ezi ngxelo ziza kufakwa apha kwisebe lam ukuze mna
ndizigqithisele kwiSebe lezeMali. Le nto ithetha ukuba nangona sineengxaki ezininzi zemali kwiSABC kuye kwafuneka ukuba sijonge amanye amajelo anokuthi asincedise ukukhulisa imali esiyifumene kurhulumente. Kufuneka sikhumbule ukuba isicelo esisenzileyo kurhulumente zizi- R6 billion. Sifumene isiqingatha saloo mali kwaye eseyizile kuthi zizi-R2,1 billion kuba asikwazanga ukuba sifikelele kwimigomo ethile ebibekiwe. Sifuna ke ngoku ukuqinisekisa imali iyakhululwa ukuze i-SABC ikwazi ukwenza izinto eziphambili nezibalulekileyo eziza kuthi zimncedise ukuba akhule akwazi ukwenza umsebenzi amele ukuba uyawenza.
Sileli sebe sithe gqolo kwela candelwana esilibiza ukuba yi-SOC Branch ejongene neengxaki ezikwiSABC namanye amaqumrhwana. Rhoqo ngenyanga siyadibana kwiintlanganiso ukuze ibhodi yeli candelwana isicacisele ngendima esele ihanjiwe nemiceli-mngeni. Akhona namaxhala phaya kwi-SABC okuba bona balindeleke ngokomthetho ukuba bazoneke elubala ngeendlela abathi benze ngayo imali nangona kusaziwa ukuba i-SABC ikukhuphiswano noosomashishini abaninzi ngokwezorhwebo. Siye sathembisa ukuba siza kuzizisa ngaphambili ePalamente kuba eneneni ziyayichaphazela kakhulu i-