Mphathiswa, uphantse wandenzela ixhala ngoku ubiza la manani, watsho wandikhumbuza u-JZ.
English:
You know he was battling to call some of these figures but you pulled through Minister.
IsiXhosa:
Mphathiswa, xa ndiza kutshaya ngoku, ohloniphekileyo uMichalakis uyinyathele intlungu yeemvumi zethu eziphila phantsi kwayo. Kule mihla siphila kuyo eMzantsi Afrika...
English:
... is no more an attractive career because...
IsiXhosa:
... kukuphela kwesonka sabo esi. Iyandivuyisa ke ntombi yamaMpondo xa usithi ninezicwangciso zokuhlawula esele zimisiwe. Ngoku ke, ninesiphi isiqinisekiso sokuba lo rhulumente uza kuhlala esigcinile esi sicwangciso?
UMPHATHISWA WEZONXIBELELWANO: Sekela Sihlalo, xa ndigqitha nje kule nto yamanani, mhlawumbi ungade ungayi kude ude uyokuma eNkandla xa usuka eMpuma Koloni. Ungakhe ukhangele naphaya kutatomkhulu wam ngoba naye akakwazi ukuwabeka amanani kakuhle kuba zange aye esikolweni. Ngumzekelo nje okufutshane singadange saya kude eNkandla. Benditshilo ngaphambili ukuba inkqubo le yokuhlawula siyibekileyo siza kuthi gqolo ukuyikhangela nokuqinisekisa ukuba ihamba ngokwendlela, inyanga nenyanga. Yiyo ke loo nto i-SABC ekupheleni kwenyanga kufuneka bafake ingxelo
ukuze sibone ukuba le mali ngenene abantu bayahlawulwa. Ndiyicacisile le nto ukuba i-SABC ayizimelanga yodwa...
English:
... but there are people that drive the content which refers to the creative industries. Therefore, we cannot afford to fight with those people because...
IsiXhosa:
... ngenye imini uza kuthi uvula umabonakude ufike kumnyama, ayingomnqweno wethu ke lowo singurhulumente. Yiyo le nto sisenza zonke iinzame ukuqinisekisa ukuba siyancedisana neSABC ukuze ikwazi ukuzimela. Loo nto iyakwenza ukuba ikwazi ukuhlawula amatyala awo ingene kwizivumelwano ezitsha ngokusemthethweni nangexesha elifanelekileyo ukuba kuhlawulwe abantu. Singurhulumente sibeke umgqaliselo wokuba bonke oosomashishini abasakhasayo, makuncedwe bahlawulwe kwiintsuku ezinga-30 kwaye sizimisele ukuba siqinisekise ukuba iyenzeka loo nto. Yiyo loo nto isicwangciso sethu sokuhlawula sikwizigaba zeenyanga, sifuna ukuqinisekisa ukuba izinto zihamba ngendlela.
IsiZulu: