Hon House
Chairperson, hon members in this august House allow me
...
IsiXhosa:
...ukuba ndiphakamise lo mpoposho uthi le Ndlu
1) mayiqaphele ngosizi olukhulu ukusweleka kabuhlungu ngesaquphe kukaSekela Mphathiswa weziMbiwa naMandla uNksz uBavelile Gloria Hlongwa, kwingozi yemoto kuhola wendlela uN1 evela ePolokwane
ngoLwesihlanu umhla we-13 kweyoMsintsi kulo nyaka uphezulu.
2) iqaphele kwakhona ukuba imoto kaSekela Mphathiswa uHlongwa ibimisile kufutshane nendlela ezama ukunceda nokuhlangula abo basengozini.
3) iqonde ukuba ngeli xesha lengozi uNksz Hlongwa ebebuya kwimibhiyozo yeminyaka engama-75 nakwisikolo sopolitiko sePhiko loLutsha lwe-ANC ebibanjelwe kwiyunivesithi yaseLimpopo ngalo Lwesihlanu.
4) iqonde ukuba le nzawakazi uBV njengoko ebebizwa kwaye esaziwa ngolo hlobo, wonyulwa njengoSekela Mphathiswa weziMbiwa naMandla nguMongameli utata uCyril Ramaphosa kwekwaCanzibe kulo nyaka uphezulu.
5) iqaphele kwakhona ukuba phambi kokuba onyulwe usebenze njengoSekela Sihlalo omkhulu kwi-arhente yophuhliso loluntu. Ebelilungu lekomiti ephezulu yePhiko loLutsha lombutho we-ANC.
6) ikhumbule kananjalo ukuba ufunde kwikholeji i- Howard kwiYunivesithi yakwaZulu-Natal apho waphumelela khona imfundo enomsila kwezobuchwephesha.
7) ikholelwa ukuba oku kusweleka kukaNksz Hlongwa kothuse wonke umzi kakhulu walila awathula, kuba ebeselula esaze ngobuso elizweni kwaye enetalente. Bekusithiwa lo nguMphathiswa wenene okhutheleyo.
8) iqhubeke ikholelwa ukuba oku kusweleka ngesaquphe kukaNksz Hlongwa kushiye isithuba esikhulu phakathi kombutho wakhe, amaqabane akhe, izihlobo nezalamane nabazali bakhe abakhoyo apha, umama uMaNzuza oodade wabo kunye nabantwana bakhe.
9) ivakalisa olo velwano lungazenzisiyo ngelithi, wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo aze athi xa kuvukwa avuke naye kwabafileyo. Ndiyabulela. Ndiphakamisa ngolo hlobo.
Debate concluded.
Agreed to, members standing.