UMongameli ekunye norhulumente wakhe ukhethe iindawo ezintathu afuna ukuzisebenzisa njengelinge(pilot) kulo mcimbi. Uqale ngesithili i-O R Tambo. Eyona nto ibangele ukuba kukhethwe i-O R Tambo le, kukuba kusemakhaya kwaye yenye yeendawo ekwaziwayo ngokophando nezinye iindlela ukuba ikati ilele eziko kakhulu, indlala iyagquba, ngoko ke waqala phaya.