Kule veki iphelileyo uye kwakhona wathumela izigidimi zakhe ndingomnye wazo nam kula mhlaba, sadibana namafama. Siye sawaxelela ukuba kukho izigidi zemali ekufunwa ukuncedisana bona ngazo ukuze amafama akuthi athengelwe iitrekta, nezinto zokutyala ukuze bakwazi ukulima. Sithe sisenza loo nto sabe sihamba nazo ezi zityalo nezi zinto sibabonisa ukuba mabangene emasimini basebenze.