LWAMAPHANDLE: (Mnu M SKWATSHA): Enkosi Mntwan'egazi. Olu ncedo silunikayo baninzi abantu abafumeneyo kulo. Ndisitsho nje lo nto ayithethi ukuba akukho ngxaki sidibana nazo endleleni. Zininzi kakhulu ezo ngxaki, ezinye zezo ngxaki ziphaya ebantwini bakuthi, ezinye zazo zilapha phakathi kwisebe nakumagosa ethu. Enye yezinto ezibalulekileyo esiqonda ukuba sifuna ukuyiqinisa kakhulu kukuba sikwazi ukuyilandela imali xa