Mandibulele ngale mpendulo icacileyo Sihlalo ohlonophekileyo, kodwa ke ndinombuzo othi: Ingaba isebe linayo na injongo yokuba liphinde lihlenga-hlengise eli Qoqo liPhezulu leziGxeko-ncomo (High- Level Review Panel), ngeenjongo zokuba ngonyaka lijonge ukuba ezi zigqibo nezi ngcebiso belizinike isebe, zenzekile kusini na? Kaloku lo mcimbi bebewuphethe ubaluleke kangaka kufuneka ujongwe ukuba zikhona kusini na iziphumo ezihle zesebe ebelicetyiswe liQoqo eliPhezulu leziGxeko-ncomo. Enkosi.