nokuphakamisa kule Ndlu into yokuba kwisiGaba sesiHlanu sePalamente ukhona umcimbi ongazange ugqitywe. Silumkisa ngelithi igaba alishiywa entsimini. Ndiphakamisa ukuba kumiselwe ikomiti yethutyana eza kujongana nalo mcimbi utshisa ibunzi womhlaba owathathwa kubaniniwo. Siphakamisa ukuba lo mhlaba ubuyiselwe kubantu bawo kungahlawulwanga zindleko. Loo komiti mayimiliselwe yile Ndlu yoWiso-mthetho kuba phaya kwisahluko sama-25 kuMgaqo-siseko iyabethelelwa into yokuba umhlaba awukwazi ukuba ebesemntwini omnye. Mawubuye umhlaba wabantu bengahlawulanga nembala. [Kwaqhwatywa.]