Siphakamisa ukuba le komiti ibe ne-11 labantu bale mibutho ilandelayo ngolu hlobo ludakancwe apha: ANC bathandathu; DA babini; EFF linye ilungu; eminye imibutho badibane ngabantu ababini. Ngenxa yobuzaza balo mcimbi kwaye ubani nobani ufuna ukusondela kufuphi, mayiphinde ivulwe kongezwe abantu aba-14 abasuka kweminye imibutho kuba kufuneka ugqitywe lo mcimbi womhlaba. Kuza kufuneka ukuba le komiti ibuye ungaphelanga unyaka-mali lo sikuwo ize kunika ingxelo kuba siyalamba kwaye siyahlupheka. Umhlaba wona uyafuneka. [Kwaqhwatywa.]