Ngqanga neentsiba zayo. Ukusilela kweSebe lezoPhuhliso loLuntu kwisicwangciso kushiya uninzi loonontlalo-ntle abanezidanga beswele imisebenzi. Ndivumele ndithi kuMphathiswa owona mba utshisa ibunzi kweli sebe kukungathathwa koonontlalontle. Urhulumente ezijule ijacu wafundisa ulutsha ukuba babengoonontlalo- ntle. Ngomnyaka wama-2018 urhulumente uthembise ukuba liza kwenyuka inani lisuke kuma-3800. Ngoku kusemva konyaka kodwa eli nani lisamile. Urhulumente usibambise isisila sehobe.
Oonontlalo-ntle bahleli nje emakhaya endaweni yokunceda uluntu badinga imisebenzi kodwa sisisizwe esonganyelwe kukuxhatshazwa kotywala neziyobisi. Oku kubonakalisa ukuba ulutsha aluzithembanga kwaye ilahleko yemali kweli sebe ingaphaya kokuthetha. Singakuqinesika njani ukutywalwa kwemali nohanjiswa kwezakhono ezizizo kulutsha lwethu xa urhulumente engabaqeshi?
Nangona urhulumente ememelele oonontlalo-ntle abangagqibelelanga ukuba babhilise kweyeKwindla wama-2019, uninzi lwabo alukaqesha kunanamhlanje. Uphando luthi bangaphantsi kwama-4000 abaxhamle ekufundisweni ngurhulumente kodwa kungokunje abakaqeshwa. Eli nani alithethi ngaba bazifundisileyo. Umzila kaBathabile Dlamini wokungasetyenziswa kwemali ngendlela eyiyo nasekutyesheleni kwakhe ukuhlolwa nokoluswa kweli sebe, kushiye kunechaphaza elibi.
English:
What we need from the government is an update of its current registration procedures on the National Development Plan which envisions the employment of social workers as part of the 55 000 social service practitioners by 2030. Exactly how is the government planning to achieve this goal? And even though government funded graduates may be prioritized, how does the government plan to incorporate those graduates who have been privately funded?
IsiXhosa:
Omnye umba otshisa ibunzi ngulo weziyobisi.
English:
It has recently been reported that the widespread and problem use of heroin in South African small towns, big cities and rural areas has
experienced a significant increase. According to the project in 2015, figures indicated a total of 75 000 users injecting the drugs while 110 000 smoked it. It is important to note that this issue of past and future drug abuse does not exist independently to that of the aforementioned issue of social workers.
IsiXhosa:
Uphando lubonisa ukuba bekukho oontlalo-ntle abanezakhono kumaziko abuyisela kwiimeko zesiqhelo ngekungcono kwaye ngekukho impumelelo. Oonontlalo-ntle abanezakhono bayafuneka ekuncedisaneni neengxaki abantu abaqubisana nazo. Luxanduva leli sebe Mphathiswa ukuqesha nokuqinisekisa ukuba amaziko okubuyisela kwiimeko zesiqhelo. Ulutsha kufuneka luhlale luhlolwa njalo kula maziko okubuyisela kwiimeko zesiqhelo. Amaziko okubuyisela kwiimeko zesiqhelo eziphantsi kwenkampani uBosasa zifunyaniswe ukuba zifumana imali ngorhwaphilizo. Ukuba la maqumrhu ayevaliwe ngesingekho kule ngxaki sizibona sikuyo. IDA yakhe umkhanyo, lumka! [Kwaqhwatywa.]