Sihlalo, ndibulele kuMphathiswa neSekela lakhe, ndibulele kubaPhathiswa abakhoyo namaSekela, aMalungu ahloniphekileyo eNdlu yoWiso Mthetho yaseMzantsi Afrika, iindwendwe zethu ezikhoyo ezisuka ezingabaSebenzi, ezingabaHlali nezingabaqeshwa. Sibulele ke ngoko neSebe ngokukhokelwa nguMlawuli- Jikelele. Okubalulekileyo kuqala kukuba sivuyisane nani Mphathiswa wena neSekela lakho ngokuba nanikwa uxanduva, kuba luxanduva olu lunikwe lona yeka nje abantu beyenza into yokudlala. [Uwele-wele.]
Sibabulise, sibabulele abantu baseMzantsi Afrika ngokuba bethe baphinda babona ukuba kubalulekile ukuba iANC bayinike ithuba lokuba ibakhokele nabasebenzi ke ngoko bathe bagqina ngokuhamba bayovota ngobuninzi babo.
English:
Hon Chair, as the committee was standing here to confirm that the Strategic Plan and the Annual Performance Plan, APP, of the department was tabled in front of the committee. Well, it was then adopted, we will come to the adoption at another time, but I think what is important is that we must ensure that, Minister, all the programmes that have then been tabled with their budget are implemented. We will play an oversight role and we are happy that the administration programme is looking into the issue of compliance which all your wasteful expenditure and unauthorised are then reported and attendant to.
IsiXhosa:
Okwesibini kukuba siqinisekise lendawo ye ...
English:
...inspection and enforcement is a programme which is a cornerstone in this department.
IsiXhosa:
Kubalulekile ke into yokuba siyiveze lonto yokuba siyabulela okokuba likhona elihlelo, kuba lihlelo eliza kuqinisekisa ukuba abasebenzi abaxhatshazwa, lihlelo eliza kuqinisekisa ukuba abasebenzi bajongwa ngoko Mgaqo-siseko weLizwe ngokwe...
English:
...in terms of Chapter 2 of the Bill of Rights.
IsiXhosa:
Masivume nathi Mphathiswa oko kuba ...
English:
...what the eNCA has done has exposed how cruel some of the employers are. It has exposed that there may be a number of workers that are perishing and therefore, that your department led by yourself and the director-general has gone out to ensure that those families are then assisted. We think we commend that and we want to say to all workers of this country that they must go to all their labour centres that are in all provinces to go and report ...
IsiXhosa:
...ababaqeshwa bakhohlakele ngolu hlobo. [Uwele-wele.] Sibe siphinde sithi eli sebe...
English:
...which is inspection and enforcement.
IsiXhosa:
Uthe uMongameli kwiSona leyo kugqibela wathi wonke umntu ozakuqala ukuphangela kumaziko kaRhulumente akuzukufunwa mava omsebenzi lowo. Siyanicela ke oko kuba elisebe le lokuhlola nesinyanzelo liyijonge lonto...
English:
...in particular in the state institutions
IsiXhosa:
kuba siyazi ukuba banawo umkhuba kodwa okubalulekileyo kokuba bonke abantu balapha eMzantsi Afrika bayazi into yokuba nenza ntoni nilihlelo...
English:
...and therefore, communication in the languages that people understand, in the language that are reader-friendly is then going to be important.
IsiXhosa:
Siyazi Mphathiswa into yokuba akululanga, akululanga ngoba sizakuthetha izinto abanye abantu abangazukuva kamnandi kuzo. Eli hlelo lokuhlola nesinyanzelo yintoni ebangela ukuba kuqeshwe kwindawo ekuhlala abantu ekuthiwa zihotele kwindawo ezithengisa
ukutya ekuthiwa zirestuarant, ufumanise into yokuba uluninzi lwabantu phaya ngabantu basemzini kuhlolwa ntoni...
English:
...is it because is it scarce skill...
IsiXhosa:
...ukucoca ihotele, ukuhambisa ukutya? Ndithi mandiyiphakamise lento Mphathiswa kuba yeyona ngxubakaxaka esinayo apha eMzantsi Afrika. Siyavuya ke siyikomiti into yokuba isebe lakho, isebe labasebenzi, isebe lezothutho, isebe lezamapolisa kule ngxubakaxaka ibikhona yokutshiswa kwezigadla kuthiwe abantu baseMzantsi Afrika abazukwazi ukuqhuba izigadla ngoba...
English:
...it is a scare skill.
IsiXhosa:
Ndithi mandiyigxinise lento kuba ukubangaba asigxininisi sizakuba phantsi kwempazamo yokuba sicinge ukuba imisebenzi ayikho apha eMzantsi Afrika kanti imisebenzi ikhona intokunayo akujongwa ukuba ngubani.
English:
Therefore, my emphasis on inspection and enforcement is precisely because there are a number of things that, as the department, you must look into in terms of "Are these foreign nationals in the country legally?" "Do they have legal documents to be in the country?" and "Why the department must then have an audit in the hospital industry regarding how many of those are there?"
IsiXhosa:
Sibe siphinde, Mhlali-ngaphambili, sithi siyiKomiti xa siphuma siyi siyokuhlola kwezindawo, abaqeshi bazazi njengokuba belapha into yokuba ...
English:
... it's not going to be business as usual.
IsiXhosa:
Siyayazi ke ukuba kukho abantu abazakukhala kuba kaloku sizakuba sinyathela kwizitiya zabo.
English:
We are not going to conduct a vigorous oversight, we are not going to mix our words where employers are found to be exploiting our workers, and we are not going to be kind with that.
IsiXhosa:
Sifuna ke ukuthi silincome isebe okokuba lithe kubantu abakhubazekileyo liqinisekise ukuba izakhono zabo ziyavela. Sizakusebenza ke nesebe lamakhosikazi nabantwana kunye nesebe lezimpilo nesebe lezemfundo ukuqinisekisa ukuba zonke ezazakhono zonke ezazinto ziveliswa zezakhono zabantu abakhubazekileyo ngokwasemzimbeni ziyakwazi ukuba abantu bazithenge nabasebenzi nabantu apha sisithi futhi kuni nonke nina balapha, apha eNtshona Koloni ikhona. Likhona nalapha iphulo elixhasa abo bafuna imisebenzi, likhona akukho phondo lingenayo. Sithi ke ngoko masiyeke ukudlalisa ...
English:
...because jobs and employment has got no colour in terms of exploitation and in terms of decent work.
IsiXhosa:
Yabonake kufuneka andazi nokuba uzakusivumela na umthetho lento yemisebenzi efanelekileyo kufuneka khe sihambe siyokungena phaya
emizini yabanumzana sikhangele into yokuba njengokuba besima apha bethetha ngemisebenzi efanelekileyo kubo ithetha ukuba umntu makabhatalwe umsebenzi ofanelekileyo uzi zinto ezahlukeneyo, indlela umsebenzi aphathwa ngayo, indlela umsebenzi ekuthethwa ngayo naye. Siyi ANC ke sithi siyayiseka iBudget Vote yeSebe lezaBasebenzi siqinisekisa ke into yokuba xa sesiqhuba asizokuqhuba kuba sisoyika ngoko yikiswa. I-ANC iyazibophelela ekuqinisekiseni into yokuba imisebenzi yona ikhona kodwa ke siyikomiti izabatha ezingaba zikhona endleleni sizakuzilungisa. Siqubisane nazo. Siyabulela.