... ayisetyenziswanga kakuhle kwaye neemfuno zabantu azizalisekwanga kakuhle. Yiyo loo nto ekubonkala ukuba makuyiwe kweli Solotya le-139(1)(b) ukulungisa izinto ezingqamane nochitho-mali nokuba abantu baseBaqulusini bafumane iimfuno zabo. Kaloku i-ANC yathi oomasipala bakufutshane ukunceda iimfuno zabantu abahluphekayo basezilalini.
Ayindothusi ke le nto Sekela Sihlalo, kuba apha safikela ebantwini abangabafuniyo abantu basezilalini ntonje bafuna bafuna ukubenza iileli zokunyuka ngabo. Bafuna ukusoloko behleli kwezi zitulo kuba ukucinizela
abantu lulonwabo kubo. Ngaloo mazwi siyavumelana nengxelo kwaneengcebiso ezithi aba bantu mabancedwe.